Xhosa FAL P2 QP

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 15

NATIONAL

SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 11

NOVEMBA 2018

ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA


OLONGEZELELWEYO P2

AMANQAKU: 70

IXESHA: 2 iiyure

Olu viwo lunamaphepha ali-15.


2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

IMIYALELO NENGCACISO

1. Funda le miyalelo ngenyameko phambi kokuba uphendule imibuzo.

2. MUSA ukuzama ukufunda lonke iphepha. Yiya kwisiqulatho kwiphepha


elilandelayo uze uphawule amanani emibuzo esetwe kwiincwadi
ozifundileyo kulo nyaka. Emva koko, yifunde le mibuzo uze ukhethe ofuna
ukuyiphendula.

3. Eli phepha linamaCANDELO amaTHATHU:


ICANDELO A: Inoveli (35)
ICANDELO B: Idrama (35)
ICANDELO D: Imibongo (35)

4. Landela imiyalelo esekuqaleni kweCANDELO ngaliNYE ngononophelo.

5. Phendula IMIBUZO ibe miBINI iyonke, umbuzo ngamNYE ukhethwa


NAKUWAPHI amacandelo amaBINI kula: A, B, no C.
ICANDELO A: INOVELI
Phendula umbuzo kwincwadi yenoveli oyifundileyo.
ICANDELO B: IDRAMA
Phendula imibuzo kumabali omaBINI abuziweyo.
ICANDELO C: IMIBONGO
Phendula imibuzo ebuziweyo yomiBINI.

6. Sebenzisa uluhlu lokukhangela lakukunceda.

7. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola


esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo.
8. Qala icandelo ngaliNYE kwiphepha ELITSHA.

9. Ingcebiso yokulawula ixesha: Sebenzisa imizuzu engama-60


kwiCANDELO ngaliNYE.

10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 3

IPHEPHA LESIQULATHO

Eli phepha liza kukunceda ukuba ukwazi ukukhetha imibuzo ofuna ukuyiphendula
ngaphandle kokufunda lonke iphepha.

ICANDELO A: INOVELI

Phendula umbuzo ube mNYE kweli Candelo.

INANI LOMBUZO UMBUZO AMANQAKU INOMBOLO


YEPHEPHA
1. Vuleka 1 35 5–8
Mhlaba

OKANYE

ICANDELO B: IDRAMA

Phendula umbuzo ube mNYE kweli Candelo.

2. Idayimani 2 35 9–12
icholwa
eluthulini

OKANYE

ICANDELO C: IMIBONGO: ISIHOBE SE-AFRIKA ENTSHA – N Gidi (Umhleli)

Phendula imibuzo yomiBINI kweli Candelo.

INANI LOMBUZO INOMBOLO


UMBUZO AMANQAKU
YEPHEPHA
3. Ixesha 3.1 17 13–14

4. Ukwidabi 3.2 18 14–15


lobomi.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

ULUHLU LOKUKHANGELA

Kunyanzelekile ukuba ujongisise olu luhlu lulandelayo ukuze uqiniseke ukuba


ukhethe imibuzo ngendlela eyiyo.

ICANDELO AMANANI INANI LEMIBUZO PHAWULA


EMIBUZO EPHENDULWAYO
A INOVELI 1 1
(Vuleka Mhlaba!)
OKANYE
B IDRAMA 1 1
(Idayimani icholwa
eluthulini)
OKANYE
C IMIBONGO 2 2
(I-Afrika Entsha)

QAPHELA: Phendula imibuzo ibe miBINI nakweliphi na icandelo kula: A, B, no C.

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 5

ICANDELO A: INOVELI

UMBUZO 1

VULEKA MHLABA : NCEDILE SAULE

ISICATSHULWA A

1.1 Funda isicatshulwa esingezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo.

Naye umfo webhari ube ngathi uyayibona indoda enkulu ukuba inxubile,
akayikhathaza nganto. Iqhube yasula iiglasi ngelaphu layo elimhlophe kuphela
imana ukumthi krwaqu, ihoye lowo ungenayo ngaloo nto asukuba eyibiza.
“Uvile?” loo mbuzo wamtsho waphakamisa intloko uJolela. YayinguThandi
ezilungiselela ukuhlala kwisitulo esisecaleni kwakhe. Ube ngathi uvuswe
ebuthongweni uJola, watsho wakhweba ngoko nangoko.

“Ndivile ntoni?” yatsho into enkulu ingatyhilekanga okuya kokuqala. UThandi


obezivelela emsebenzini wabe naye ekhathazwe zezakhe, zange ayiqaphele le nto
kumnene. Nonobhari zange abanike thuba lakujongana kuba iiglasi wabe sele
ezibeke phambi kwabo. Impendulo kaThandi yaya kuvela emva kokuba ekhe wathi
kralakaqa elikhulu lona ithamo lebhiya.

“Ndiphume emsebenzini nokungena kukaBantu.”

“Ungena eyokwenza ntoni esibhedlele, okanye ke mhlawumbi uDora umshiyele


omnye umntu?”

“Hayi suka wena, uyawaza kuqala ezi zinto zakho,” uthe thuzu thuzu kabini uJolela
wabuya wamthi phuhlu ngamehlo agcwele imibuzo engathi ngawendubula wona.

“UBantu ungene ngestretsha,” wothuka waxhuma uJolela yatsho yathi kratya


ibhiya, wabe selungisa ukuhlala, etshintsha enye impundu ehlala ngenye.
“Uthi kutheni na apha kum? Utheni? Ulunywe nguNoziqhamo?”

Wamjonga ngokumangaliswa uThandi. Endaweni yokubona usizi okanye


ukumangaliswa kovelwano, wabona imincili kuJolela. Into enkulu yatsho yamana
igungqagungqa ukuhlala…

1.1.1 Xela igama ledolophu eyayikuyo iCassablanca Tavern. (1)

1.1.2 Chaza isiganeko esiqhubeke phambi koku kukwesi sicatshulwa. (2)

1.1.3 Yinyani okanye Bubuxoki? UThandi noJolela bangabantu


abazanayo. Xhasa impendulo yakho. (2)

1.1.4 Linika ngcinga ni igama elibhalwe ngqindilili kwisicatshulwa? (1)

1.1.5 Tolika intetho kaJolela ekrwelelwe umgca ngaphantsi. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

1.1.6 Nika isizathu esasimbangela imincili uJolela akuva ngemeko (2)


kaBantu.

1.1.7 Ukuvana kukaNoziqhamo noMphemba kwakubangela njani ukuba


uBantu afune ukuzibulala? (2)

1.1.8 Chaza injongo yombhali ngokusizisela lo mlinganiswa


unguSindiswa kweli bali. (2)

Matanisa umlinganiswa okuKHOLAM B kunye nentetho yakhe


ekuKHOLAM A.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) “Ke ngoku mtshana, ubuyela (i) UBantu
eKapa? Uza kuthini?”

(b) “Gqwidi ngento enye nje mfazi, (ii) UJolela


uhambe ungenzanga nelinye
ilizwi …”

(c) “Sela le drinki Dlamini iza kude (iii) UMatshaya


ibe shushu.”

(iv) Noziqhamo (3)


[17]
KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 7

1.2 ISICATSHULWA B

“Umbulali lowo inokuba usathothoza etrongweni nangoku,” yadebeleza


ingajonganga mntwini. Wangenelela uBantu ngokubuza ukuba inokuba
yayiyintoni na isizathu sokubulawa ngumninimzi.
“Ikhona enye into? Kuthiwa yayilinxila loo mfo lowo. Wayenxila nale
nkosikazi athe akudinwa yiyo wayibulala. Lo mfazi ndithenge kuye laa
ndlu, ulazi ibali labaya bantu ukusuka ekuqaleni ukuya ekugqibeleni,”
bajongana ngathi babona inkomo itshaya inqawa. Wathi thuzu thuzu
uBantu akugqiba wanikina intloko.
Wayecuthe amehlo uNoziqhamo ebukele indoda yebala ivula isango.
Uhlobo lweentyatyambo ezazikho yayiseloluya lwangaphambili. Kweli ilixa
uBantu zange azibone eziya ntakana neziya nyosi zazihlangula. Zange
alive neliya vumba laliqhole umoya. Wayesuke nje wayinto endunyu
ndunyu yesidenge.
Qolokotho bangena endlwini. Kwakunuka ukungunda kweplanga.
Yabahambisa indoda ibabonisa amagumbi ngamagumbi, yada yagqiba
kungakhange kuthethe namnye kwesi sibini. Amehlo abo ayecokisa yonke
into ubukhulu becala beba bangabona into nokuba yintoni na, tu cwaka,
akwabikho nesuntswana eli lento ababenokuyidibanisa nomntu owakha
wahlala apho ngaphambili.
Baphumela ngaphandle, bajonga-jonga inkundla le yonke; engayekanga
umthengisi ethetha exhaphe amagwebu.
“Ngendandiyithengile le ndlu, kodwa ndoyiswa lixabiso, enye into inkulu
kakhulu, andinawo amandla okuyisebenza,” kukho owakha wayihoya,
njengokuba bobabini babethe nzoo amehlo kwinto yonke angqubana nayo.

1.2.1 Nika olona phawu lutyhilwa sesi sicatshulwa ngalo mfo webala. (1)

1.2.2 Cacisa isizathu sokuba le ntetho ilandelayo iqulathe ulwazi


olungeyonyani.

UBantu noNoziqhamo babeneenjongo zokuyithenga le ndlu. (2)

1.2.3 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo. Uvakalelo


lukaBantu oluvezwa kule nkcaza ‘Wathi thuzu thuzu uBantu
akugqiba wanikina intloko lelokuba:

A wayedikiwe
B wayedanile.
C wayecaphuka.
D wayetyhafile. (1)

1.2.4 Ubaluleke ngantoni ebalini umxholwana okwesi sicatshulwa? (2)

1.2.5 Chaza indima edlalwe nguDlamini kweli bali. (2)

1.2.6 Ingaba uyavelana noBantu ngemeko akuyo? Xhasa uluvo lwakho. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

1.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

A UBantu uzirhaxisa ngomsi wemoto.


B UBantu undwendwela ingcwaba likaDora.
C UBantu uphuma ebaleka ecaweni.
D UBantu undwendwela uDlamini esibhedlele. (4)

1.2.8 Ludidi luni lwenoveli olu? Xhasa impendulo yakho. (2)

1.2.9 Xela isenzo sobuntu esinokufundwa kulo mlinganiswa


unguNoziqhamo. (2)
[18]

AMANQAKU ECANDELO A: 35

OKANYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 9

ICANDELO B
UMBUZO 2
IDAYIMANI ICHOLWA ELUTHULINI – ZAMA A. JAPHTA

2.1 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

ISICATSHULWA C

(Kusesikolweni semfundo ephakamileyo iLukhanyo. kusandula ukungena


isikolo. Isekela-nqununu, uMnu. Ntsasa umi kwi-ofisi yenqununu
bayancokola.)

Mnu. Ntsasa: Injani impilo Mpinga? Ingathi uxakekile nje,


ndinganceda?

Mnu. Cingo: Sivukile akukho zintsha Zotsho. Mfondini kunjalo kanye.


Ndibona ukuba mandide ndiyibhale le ncwadi
yokumnqumamisa uGontsi. Noko kulithuba ndiyilindile le
ntwana kaMfundisi.

Mnu Ntsasa: Kunzima kona ukugxotha ititshala uyoxuthe isonka sayo.


Kodwa Mpinga, unyamezele ngokwaneleyo kule meko
yale ntwana yakwaGontsi. Noko isazela sakho asinalo
nelincinci ichaphaza.

Mnu. Cingo: Ndiyakuva Zotsho, kwaye unyanisile kona. Akukho cebo


ndingalizamanga ukuguqula izinto ngakule ntwana. Naxa
kunjalo akusokuze ude ungabi nathemba lokuba izinto
azinakujika ibuyele ezingqondweni le ntwana.

Mnu. Ntsasa: Musa ukuzihlupha ngezinto ezingenako ukuncedwa.


Masicingele ikamva labantwana aba baphantsi kweliso
nogcino lwethu. Akufuneki ukuba baphoswe sesabo nabo
isonka ngenxa yenxila elohlulwa bubomi balo.

Mnu. Cingo: Liyinyaniso elo Zotsho. Ikamva labantwana libaluleke


ngaphezulu kwento yonke. Loo nto ke Zotsho, andazi
nokuba ndingayifumana phi enye ititshala, kuba nonyaka
sele uphakathi.

Mnu. Ntsasa: Akukho nento le Mpinga. Kaloku ndikholo ukukuncedisa.


Ndinayo intwanazana engasivalayo esi sithuba
ngokukhawuleza, abantwana bangalahlekelwa lixesha
kwakhona kwizifundo zabo. Kaloku unyaka wona
uyahamba awulindanga le nto yale ntwana.

2.1.1 Xela igama lendawo elalikuyo ikhaya lakwaGontsi. (1)

2.1.2 Chaza isiganeko esiqhubeke phambi koku kukwesi sicatshulwa. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

2.1.3 Yinyani okanye Bubuxoki? UNonkuthazo wayesebenza


njengomongikazi kwisibhedlele saseMthatha. Xhasa impendulo
yakho. (2)

2.1.4 Inika ngcinga ni intetho ebhalwe ngqindilili kule ngxoxo? (1)

2.1.5 Tolika intetho ekrwelelwe umgca ngaphantsi. (2)

2.1.6 Nika isizathu esasimbangela ukuba uMnu. Cingo angabinamandla


okugxotha uMnu. Gontsi emsebenzini. (2)

2.1.7 Ukuvana kukaNonkuthazo noMaRhadebe kwambangela njani


ukuba atshatwe nguMfanelo? (2)

2.1.8 Chaza injongo yombhali ngokusiphathela lo mlinganiswa


unguSaziso kule drama. (2)

2.1.9 Matanisa umlinganiswa okuKHOLAM B kunye nentetho yakhe


ekuKHOLAM A.

KHOLAM A KHOLAM B
(a) “Suk’apha, Rhadi! Yititshala (i) UNomthombo.
nje ngegama leya.”

(b) “Undibethela indoda engeyiyo (ii) USaziso.


neyakho. Inene uza kundazi.”

(c) Andisoze ndiyamkele mna (iii) UMaNdaba.


phakathi kwamasango
kaBawo. Ndakumfaka imvubu
ukumkhupha apha.”

(iv) Solomzi (3)


[17]

KUNYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 11

ISICATSHULWA D

2.2 Funda esi sicatshulwa silandelayo uze uphendule imibuzo.

(Kusasa kwaGontsi, uSaziso wavuka nje walungisa waphangela. UMfanelo


naye watya nje walungiselela ukuphinda indlela ahambe. Walile unina ukuba
ahambe bengakhange baphinde bathethe. Umbizele kwelakhe igumbi
kusasa njalo.)

Nkskz. Gontsi: Thatha naso isitulo uhlale Mfanelo. Noko awunako


ukusele uhamba olo hlobo kaloku. Kukokwenu apha
Mfanelo kwaye ke khehle akugxothwa.

Mfanelo: (Ekrikriza) Hayi mama anditsho ukuba ndigxothiwe, koko


ndisukela ukuya kulungiselela umsebenzi.

Nkskz. Gontsi: Ndiyayivuyela loo nto mntwanam, kodwa ke


kungoMgqibelo namhlanje, lusekhona nolwangomso
usuku. Umntu akasele edlula olo hlobo xa agodukileyo.

Mfanelo: (Esentshingintshingi) Ndiyavuya mama, kodwa izinto


ezihambayo ziyanqaba ngeCawe apha.

Nkskz. Gontsi: Uya kusele uthatha ezasemvakwemini namhlanje


Mphankomo. Kodwa okwangoku masibe siqhubeka ngale
yaphezolo. Mfanelo uze undiphulaphule kakuhle
mntwanam. Xa sisithi kuwe lo mntu uthandana naye
akakufanele, asikuko ukuba uyasela nje kuphela koko
kaloku xa uthandana nomntu unenjongo ngaye
kuyafuneka ukuba abe uyamkelwa nangabantu ophuma
kubo. Hayi into yokuba wonele nguye wena akunalo
ithuba lethethwa sithi into. Kwa ...

Mfanelo: Mama nini apha ekhaya abangamniki thuba lokukhe


nimbone nize nimfunde uNonkuthazo. Nithathe izigqibo
kwizinto enizivileyo hayi enizibonileyo.

Nkskz. Gontsi: Mfanelo, ingwe idla ngamabala, mntwanam. Ukuba


ungathi uza naye apha kuthi lo-lo mntu wakho uya
kuzifihla eyona nto ayiyo.

2.2.1 Nika olona phawu lutyhilwa sesi sicatshulwa ngoMfanelo. (1)

2.2.2 Cacisa isizathu sokuba le ntetho ilandelayo iqulathe ulwazi


olungeyonyani.

UMfanelo wohlukana nenkosikazi yakhe yokuqala ngenxa yokuba


yayingafundanga kuyaphi. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

2.2.3 Khetha impendulo ibe NYE echanekileyo kwezi zingezantsi.


Enye yeenkcukacha ezifumaneka kwizalathisi zeqonga ezikwesi
sicatshulwa:

A yingxoxo yabalinganiswa.
B ludidi lwabalinganiswa.
C yintshukumo yabalinganiswa.
D luvakalelo lwabalinganiswa. (1)

2.2.4 Ubaluleke ngantoni ebalini umxholwana okwesi sicatshulwa? (2)

2.2.5 Chaza indima edlalwe nguNomthombo kule drama. (2)

2.2.6 Ingaba uyavelana noNkskz. Gontsi ngemeko akuyo? Xhasa uluvo


lwakho. (2)

2.2.7 Bhala iziganeko ezingezantsi ngokulandelelana kwazo ebalini.

A UMfanelo noNonkuthazo bazithengela umzi eMthatha.


B USaziso uhambela kwaNonkuthazo.
C UNomthombo uhambela kwaNonkuthazo.
D UNonkuthazo uhambela kwaNkskz. Gontsi. (4)

2.2.8 Ludidi luni lwedrama olu? Xhasa impendulo yakho. (2)

2.2.9 Xela isenzo sobuntu esinokufundwa kulo mlinganiswa unguMnu.


Cingo kulo mdlalo. (2)
[18]

AMANQAKU ECANDELO B: 35

OKANYE

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 13

ICANDELO C: IMIBONGO

Phendula imibuzo esetwe kwimibongo YOMIBINI.

ISIHOBE SE-AFRIKA ENTSHA – PN GIDI

UMBUZO 3

3.1 Funda isicatshulwa sombongo esingezantsi uze uphendule imibuzo


elandelayo

IXESHA NPD Sigenu


1 Ngunkqonkqonkqo kuvuk’amadoda.
2 Ngungongongo kuvuk’izazela.
3 Ngunk-ri-nk-ri-nk-ri bavumbuluk’abafundi.
4 Uncincinci yen’uthuthuzel’iintsana.

5 Kukhal’iinkuku anduluk’amakhwenkwe.
6 Alandele ooyise singekakhal’isangquphu.
7 Kuba hay’amadoda ukuxhaphaz’iidyongo.
8 Angquban’anexhala exhesha nexesha.

9 Sibinindini sicand’amathafa.
10 Sisalath’indlela nok’iphindaphindwa .
11 Unkanishe angcambaze elinde imizuzu.
12 Anyathele kuhle nemitsi ilinganisiwe.

13 Ngumhlanguli maxa wambi sekulel’uthuli.


14 Ingqushu seyafefwa naziimvula.
15 Idandalaz’inyani idid’amadoda esazi.
16 Ayezilibel’ubuni kusaxand’ubuxoki.

17 Ixesha lithambisa nezilonda kogruzulweyo.


18 Kanti yodula nenyaniso kolahlekisiweyo.
19 Lakuhamb’ixesha ziyasongwa nezezolo.
20 Lakuhamb’ixesha kuvele nent’ibingeyiyo.

3.1.1 Unjani umoya wembongi kulo mbongo? Xhasa impendulo yakho. (2)

3.1.2 Tolika okuthethwa yimbongi kumqolo wesi-3. (2)

3.1.3 Chonga isafobe esikumqolo wesi-4 uze uxele udidi lwaso. (2)

3.1.4 Nika umsebenzi woshiyo sikhamiso kulo mbongo. (1)

3.1.5 Chonga igama elihambelana nesohlwayo esikumqolo wesi-6 kulo


mbongo. (1)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


14 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 (EC/NOVEMBA 2018)

3.1.6 Xela isixhobo sesandi esifumaneka kumqolo wesi-8. (1)

3.1.7 Cacisa ukuba ibhekisa kubani imbongi kumqolo we-11 nowe-12. (2)

3.1.8 Nika izizathu zibe ziBINI ezibangela ukuba imbongi ithi ixesha
ngumhlanguli kwisitanza sesi-4 nesesi-5. (2)

3.1.9 Xela isixhobo sohlalutyo esifumaneka kumqolo we-19 nowama-


20. (2)

3.1.10 Chaza isakhiwo sangaphandle salo mbongo. (2)


[17]

KUNYE

3.2 Funda lo mbongo ungezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo.

UKWIDABI LOBOMI – MMM Duka.

1 Ukwidabi lobomi phantsi kwelanga.


2 Yilwa Jonindini! Lide lim’ilanga.
3 Funza! Binza! Ayilolankenenkene eli.
4 Woyise emfazweni, leloloyiso eli.

5 Noba umanxeba, bheka phambili.


6 Intliziyo imajaja, qengqa ugodo.
7 Yomelela uqine, ungazigobh’izidlele.
8 Hlehlela imbekaphambili kuphela.

9 Sele ulutywantsi, zikhothe amanxeba.


10 Mus’ukunikezela ube ngukhaka kaMpethu.
11 Wophila lithemba lona aligwinti.
12 Zuza uloyiso, udle ukubila kwakho.

13 Abalahl’izixhobo, ziintlanzi ezitshelwe ngamanzi.


14 Baphethuke basabe, abahlabi bekhangele.
15 Babazizisulu kwiintshaba, baginywa naziimpukane.
16 Bagcuntswa emiqolo, bazalwa badla bafa!

17 Uloyiso lolwakho, kule mfazwe yobomi!


18 Wena khaliphandini woyisa ungekalwi.
19 Ungahlehli amagwala afa engekalwi.
20 Ungasabi ukuphila kunemingeni.
21 I-Afrika siyakha ngaloo mingeni!

3.2.1 Ludidi luni lombongo olu? Xhasa impendulo yakho. (2)

3.2.2 Xela isizathu sokulandelelaniswa kweziyaleli kumqolo wesi-3.


Cacisa. (2)

3.2.3 Chaza ukwahluka kumxholo wesitanza sesi-2 kwesesi-3. (2)

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha


(EC/NOVEMBA 2018) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P2 15

3.2.4 Cacisa ukufaneleka kwesikweko esikrwelelwe umgca ngaphantsi


kumqolo we-13. (2)

3.2.5 Dwelisa zibe NTATHU izinto ethi imbongi zehlela abantu


abazilahlayo izixhobo kwisitanza sesi-4. (3)

3.2.6 Khetha impendulo echanekileyo kwezi zilandelayo. Ngokusebenzisa


ibinzana elibhalwe ngqindilili kumqolo we-16 imbongi igxeka udidi
lwabantu :

A abangakhange babenanxa nabanye abantu.


B abangakhange babenagalelo kwabanye abantu.
C abangakhange babenasazela ngabanye abantu.
D abangakhange babenaxesha labanye abantu. (1)

3.2.7 Nguwuphi umntu ozuza uloyiso ngokwemiqolo yowe-17 nowe-18


yalo mbongo? (2)

3.2.8 Xhasa uluvo lokuba i-Afrika siyakha ngemingeni. (2)

3.2.9 Myalezo mni odluliswa yimbongi ngalo mbongo? (2)


[18]

AMANQAKU ECANDELO C: 35
AMANQAKU EWONKE: 70

Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

You might also like